Uqhamisa
Kuvele kuqaqambile intliziyo
Xa ndimbona eqaqadekisa abanye abantwan uQhamisa
Kaloku ukuqaqDeka ndikuchasile okwezichasanisi.
Ubuqwebedu abufundelwa sikolweni,
Kwaye abufundwa ncwadini mfondini
Kuqaqadeka othandayo
Kusal' ozikhethelayo dadewethu.
Ndiqaqanjelwa yintliziyo
Xandimbona engumqwebedu uQhamisa
Kaloku abazali bakhe ndiyabazi bamondlile ngembeko
Imbeko ibikukutya kwemihla ngemihla
okwesonka semihla ngemihla sisihla emqaleni ndisibimbiliza
okommbimbilizi.
Kaloku iqaqa limibala mibini
Kukukhanya nobumnyama andithethi simnyama mfondini
Kaloku indlela zimbini
Ndithi kheth'eyakho mfosi kabawo.
Ndimabalabala entliziyweni yam ndenziwa kukukruneka kweyam intliziyo kukuqaqadeka kwenzwakazi emanzandonga ebendingalindelanga ukuyibona iqaqambisa eyam intliziyo mntakwethu
Oh! yakruneka intliziyo
Ndasala ndibambe ongezantsi oku kukamazantsana ematasatasa emdantsweni eMdantsane mfondini.
Yaqaqamba eyam intliziyo
Yaqaqamba intliziyo yam
Ndasala ndibuthathaka okwethole loMthwakazi eMthwakazi
Ndiqaqanjelwa yintliziyo
Ndiqaqanjelwa ngaphakathi imiphakathini iphaphuzel' amaphaphu azal' ubumdaka kukuqaqadeka kwenzwakazi endiyithemba ukodlula noThemba uMtherwana.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment