Ndithelekiseni
Ndithelekiseni ndithelekiseni
Ndithelekiseni
Kaloku andibonqeni kwaye andiboyiki oh! watsho umfana woMsuthu.
Ndizotyhala mgesifuba
Ndihambelaphezulu kaloku igwala andililo
Ndingena ngenkani kwantliziyo ndise
Ndithelekiseni andoyiki
Ndithelekiseni andibonqeni.
Kakolu elam ithemba ayingoThemba ntonje lithemba lamathemba
Themba elo liphezulu
Themba lam undikhoyo
Ummeli wam
Ndithelekiseni andoyiki.
Kaloku elam ithemba alijiki, elam ithemba alikhethi
Namhlanje ndisamile kuba kaloku elam ithemba likho ngamaxesha onke.
Baninzi bazamile ukundibhukuqa bazamile ukundiwisa kodwa abalunga
kaloku ezam iingcambu zifana nomthi omiliselwe phezukwemijelo yamzi
Ndithelekiseni ndithelekiseni andibonqeni.
Ndingumntwana wokuthula noxolo
Ndiphila nentombiyoxolo
UNoxolo wakulo Ntomboxolo
Ndimlomo umaxolo kukukhotha eyam imilebe
Ndithelekiseni andibonqeni kwaye andiboyiki
Ndithelekiseni.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment