Sunday, August 12, 2018

Umtu kaloku sisi wam nawe bhuti wam
Yinzulu yemfihlakalo
Inzulu yezimanga ngezimanga
Ndithi wofik' inyukisehla okwamanzi olwandle.

Nzulu leyo imxutywa
Nzulu leyo yonakalisayo
Nzulu leyo ichithayo
Nzulu leyo ixabanisayo
Nzulu leyo inyolukileyo
Nzulu leyo ikhazimlayo
Nzulu leyo ingenasizi
Nzulu leyo yatya inkawu ilila icel' amaxolo kwasal' ufele namathambo.

Inzulu engenabuntu
Inzulu yenzulu zobumnyama zobusuku
Inzulu enentliziyo yenkcenkce ekhencezayo
Kaloku lenzulu imabalabala, ngumntu ke lowo.

Inzulu ebulala omnye umntu ngendlela ngendlela
Ngamazwi, ngezenzo, ngempatho, ngolwamvila lolwimi, ngokusebenzisa kwaye nangokuthabatha umphefumlo womnye umntu.
Lonto yile ingumntu.

Umntu ayisengomntu ngabantu
Umntu akasenabuntu njengakudala madala
Oh! wakhala umadala
Ekhaliswa zizenzo zomntu esenza abantu
Inene umntu'  uyamenza omnye umntu ngezenzo zobubi
Oh wandenz' umntu kwelilizwe, wendenza mntu ndini.

By Bulelani Happyboy Mbanya

No comments:

Post a Comment