Ndithabatha olwam usiba nencwadi
Ndibhodle amazwi anencasa, amazwi angakhethi mntu kuba kaloku wona awanamkhethe kwaye awakhe bani.
Amazwi lawo amel'abangenazwi livakalayo kaloku elam ilizwi libukhali livakala naphesheya kweNciba
Ndisinde neNcibaza zaku Nciba phesheya pha qelele komfula.
Ndizibonile iziganeko nezehlo kubantu ngabantu
Kumakhaya ngamakhaya
Ndingomnye wababethekileyo ndibethekile emhlabeni omagadahlabayo
Bendide ndinqwenele nesembovane isihlunu xandibona omnyumntwana ehleza amathambo ehlafuna kamnandi nesihlunu
Kalok kum inyama ibiyinqaba ngonqaba okweqanda lesikhwenene mfondini.
Ndith' ekubetgekeni ndaqiqa emqondweni ndaqonda engqondweni ndaqina emzimbeni
Ndingaliva nemeva ilahle ndilicima ngesandla esandleni.
Ubunzima nenzingo zaziwa ndim angeke ndikugqithe ulambile endleleni unxaniwe enxiweni lamanxiwa obawo uXinwa mfondini.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment