Sunday, August 12, 2018

Thatha nas' isandla sam
Ungadlali ngale yam intliziyo
Kaloku eyam intliziyo ibaleka igazi iimithambo impompoz' igazi
Uze ungayophuli eyam intliziyo ntokazi.

Ndithi wena ntokazi olwam ubambo nguwe
Kaloku ndikubambe ngesam isandla sasekunene ndathi, thatha naluthando lwam
Uze ungayophuli eyam intliziyo ntokazi.

Ndivela kude ungabuza noSukude umkhuluwa kaSukoluhle wakulo Okuhle umninawekazi kaPhiwokuhle
Kaloku ndinothando ndingathanda ukuthandwa ndiyintandane nasekhaya.

Oh! ntokazi xa ndingenakuthandwa nguwe ndothandwa ngubanina?
Uzeke undibambe sibambisane ngothando
Kaloku mna nawe sizizithandani koluthando.

Ndithi thatha nasi esam isandla
Ze ungadlali ngeyam intliziyo nzwakazi
Ndokwenjenjalo ukukuthanda ngonaphakade emaphakadeni.

By Bulelani Happyboy Mbanya

No comments:

Post a Comment