Sunday, August 12, 2018

Ilolo

Ndililolo ulolo umalolwana
Kaloku ndenziwe andizenzanga
Bayamenza umntu abantu
Ndililolo into engenabani.

Ndenziwe ngomnye umntu
Kaloku mna ndiphila nabantu ngegcuncwana endinalo
Ndiqhekezela ongananto
Kodwa abantu ababoni ngasonye ngezenzo zam
Andilindeli mbuyekezo yakundibuyisela
Kodwa namhlanje ndisele ndodwa, ndililolo.

Kaloku lento ingumntu
ngumntu ngabantu
Ndizama indlela yokuphila ndiphilisana nabantu bakuthi
Kodwa namhlanje andinabani, ndililolo into engenabani.

Izihlobo zindijikele
Abantu ebendibethemba bandijikele nabo
Ndisele ndodwa enyanyeni
Ndililolo into engenabani.

Zikhal' ibhungani ezam ikhabhathi
Ikomityi yam yomile
Inyawo zam zimil' ilingcambu kukuba ndawonye noxa singaboni sonye nakwelityeli
Oh! Ndililolo into leyo engenabani.

Ndiyazama akuzameki
Ndashiywa nanguNozamile
Inzolo ayisekho nakuManzolo ebunzimeni
Ndililolo into engenabani.

By Bulelani Happyboy Mbanya

No comments:

Post a Comment