Ndinga ndingalinda
Ndinga ndingalinda
Ndilinde okomlindelo
Umlindelo wam
Emlindelweni nkosi yam.
Ndithi kaloku ukulinda
Akulula njengoba ndisitsho,
Uyandiva ndisitsho?
Nditsho kutsho
Kuqine imvakalo ntetho
Ntetho yemithetho ethethwa yintethwana etyebileyo noxa ibhityile ngokomlinganiselo.
Ndinga, ndingalinda
Ndingalinda kude kufike ilixa lokukhululwa kwam
Oh! Walinda umfana omdala, walinda ulindwana.
Ndiyazi akulula
Ndiyazi kunzima
Ndiyazi mntakwethu,
Kodwa ndithi bambelela
Bambelela uphenduke
Umbambeleli .
uYesu umanesithi linda
Emanesithi linda
Kancane kancane dadewethu nawe mntakwethu konke kolunga.
Kaloku yonke into le inexesha layo, xesha elo libekiweyo ngophezulu
Oh! Kothi kwakulunga
Ndive ngomana isitsho
kamnandi, vuleka mazulu
Avulekile amazulu.
Ndinga ndingalinda
Ndinga ndingalinda
Kwaze kwanzima ukulinda kumntu ontsundu.
Ndithi linda ixesha lisekhona, linda dade linda nawe mntakwethu.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment