Ndibiziwe
Ndibiziwe,
Ndimenyiwe kwelitheko ngusotheko
Kalok andiphushuki oko msila kumalahlwa nofele
Oh! Nkosi enofefe.
Ndifikile andibikwahlaba kulamahla ndenyuka ommango ocanda khona umlimandlela kawonkewonke uN2 besihamba sibayi 2.
Ndithi molweni maKnysna amahle ngokwezikhundla zenu ndiyabulisa andceli skhundla andingomvundla.
Wona uhlala ngezikhundla zamakhohlombe .
Andifikanga ndigalelekile kwelityeli ndiyanicela ningandityele kodwa ke masidleni kulenyewe sisonke bakithi.
Ngokwenjenje ndiyazolula kuba ukuzala kukuzolula angandinqginela nomabhala walenyewe
Usingaye waziwa ngabaphambili kubi nyathi ibuzwa kwabaphambili.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment