Wednesday, October 24, 2018

Xandandilahleka kwelentlantsi ilizwe elizel' isimnyama nabamnya bemnyama ooNomnyamazana be yakaziswa mabelele nguMalhelhe.

Ndithi Ndithi Ndithi ndithingaza ndijongamacala omane ndingaboni kwamntakwethu nditsho nomsakwethu kukuvalake noxinana kwesimnyama isibhakabhaka sizele amafu manyama esimnyana
Oh! Thixo ndivelele.
Kaloku wena ungumsindisi wothando
Washenxisa uloyiko kwantlandlo kum nakomnye nakwabanye ngabanye.

Awunamkhethe Kaloku awukhethi mfondini
Izwi lakho latsho kwahlabeka eyam intliziyo ndatsho ndabona ngamehlo omoya kwabaleka awenyama
Msindisi wam Msindisi wam.

Andinamsindisi umbi ngaphandle kwakho
Andikwazi kuphila ngaphandle kwakho
Inene ndokukhinza ngonaphakade kude kubesemaphakadeni amen.

By Bulelani Happyboy Mbanya

No comments:

Post a Comment