Wednesday, October 24, 2018

Ntaba

Ntaba zam Ntaba zam
zokhahlamba
Ayizotyana ngobume zizantyalantyala zamanz'othando ahlesonyuka exela amaza olwandle
Ntaba zam zokhenkethela.

Kuthi mandithabathe esam isimadzadza nditsibaysibe naso ndixel'idzedze umadzedzwana
Oh! Masambe isimadzadza siyephezukwentaba ezizel' uthando nenzolo.

Phezolo esezolo bebehleli abelusi phezulu kwakho bebopha izoli kuqhuma umsi kwanti bengaboni ubuhle bakho
Oh! Ntaba zam ndigcinel' uMgcina wam nibuye ndincokole noMamgcina.

Ntaba zam ukude noxa uzel' inkumbulo zam nendincumanaye kodwa wena ndiyakwanga kuba wena undikhulula emakhamandeleni
Ntaba zam zokhenkethela.

Xandifuna ukuthula
Ndifuna ukuthula
undinika ukuphumla
Inene wena ulityhilile elam iliso ndabona konke okungezantsi emazantsi kuxhentsa uMazantsana
Kunyakazela abakwantsasana
Ntaba zam zokuphumla.

By Bulelani Happyboy Mbanya

No comments:

Post a Comment