uNomfanekiso
Sele kusel' umfanekiso
Wakh' engqondweni
Negama litsho,
NguNomfanekiso andazi kwakutheni ndizimanye naye kwasekuqaleni
Igama nguNomfanekiso
Namhlanje ndisele nomfanekiso wakhe engqondweni.
Ndizimanye nexhalanga landixhwitha lazenzela
Namhlanje ndifana nqwa nompha ochutywe nje jwi walahlwa
Igama lakhe liselengqondweni uNomfanekiso ngqondweni.
Kalok' uthando aluboni kwaye alujoji ungabuza namajoji eJoji Mjoji
EJozi udibene netyendyana oqheleqhele umfana intamo nengalo zizel' izikhazimlayo igolide
Uzamile ukwenza akwenzileyo kum kodwa akaqhashanga wabanjwa umpukane namhlanje
Nanko ke entyumpeka ekofini ishushu yaba kukuphela Kwakhe uNomfanekiso
Namhlanje kum usel' engqondweni zizenzo andenze zona
Hamba kahle Nomfanekiso noxa uselengqondweni kum.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment