Chapha chapha okwamachaphaza emvula enethel'uNomvula
Ndimathontsi mathontsana ndiqhaqhatheka okwesikhukhukazi sinethelwe.
Chapha chapha
Oh! wamanzi umfana woMsuthu.
Ndimathontsi kumtyhantya zizantyalantyala nje zamanzi kumanzi nemirhaji akombatheki
Ndimathontsi zizantyalantyala zemvula
Oh! chapha chapha
Amachaphaza emvula.
Ndimanzi ngaphakathi emiphakathini nangaphandl' emaphandleni okomphanda uphuphumala kubila komqombothi ngaphakathi kuwo.
Chapha chapha
Oh! amachaphaza emvula.
UNomvula undiphaxula endiphaxuzelisa kulemvula, ndimaxongo
Ndixakekile oku kukaxakeka into ka nantsi ndiphantsi naphezulu oh! phezulu enkosi ingcwele zihleli zodwa akakho noZodwa
Chapha chapha amachaphaza emvula kuloNomvula.
Iyana sel' isana madoda
Mani madodakazi kulononganzi inkalanzinzi ngobugwenxa uNonganzi uzel' imikhanzi.
By Bulelani Happyboy Mbanya
No comments:
Post a Comment