Imbongi
Andibhongi
ndiyabonga
umbongo
ewe Bonakele sisi
ndiyabonga,
Hayi ukubhonga ntwazana
undivisise mfondini.
umbongo
onencasa
nanko ke umachasana
esahluleka ukukuwucha
yincasa encosololo
ndiyabonga,
ngombongo
hayi ukubhonga mfondini.
Athini amabhongisa
Bongiswa ntwaza
hayi wena bonga mfondini.
Ubonge ubonge nabangasekho
ubatyibela ngamabala ayokozelayo
zimbasa zobuhle nobulumko mfondini.
Ndiyabonga,
hayi ukubhonga mfondini.
Sekufanele ubonge
baba ndiyabonga
kubongeke kulo Bongekile
zabondwa ngomabondwana
zintwazana, emaBongweni mfondini.
Ndiyabonga
hayi ukubhonga mfondini.
By Bulelani Happy Mbanya
No comments:
Post a Comment